UCharlton ‘Baby Pain’ Malajika uyiqonda kakuhle into yokokuba noko sele kulithuba ehleli ngaphantsi kwesithunzi sikabhuti wakhe netshatsheli ye-International Boxing Organisation (IBO) kudidi kwejunior-bantamweight uRicardo Malajika.

Ngoku uCharlton uzakuzivulela eyakhe indlela njengokuba ezakujamelana noRV ‘Crusher’ Deniega wasePhilippines kumlo we-IBO Youth kudidi lwentambanani e-Emperor’s Palace, eKempton Park, Ekurhuleni, ngoMgqibelo umhla wesihlanu kuJulayi. 

UCharlton akakalwi ukususela mhla wanqumamisa uGcina Makhoba kumjikelo wesithathu eKempton Park ngoMatshi kulonyaka.  

“Kudala ndisebenza nzima ndiziqeqesha kuba ndifuna ukubonisa abalandeli bamanqindi ukuba ndiphethe ntoni na. Ndizakulwa nomntu olushica, yiyo ke lonto ndisebenzima, ndilungiselela lo mlo,” utshilo uCharlton.

Emva kokubethwa nguNdabezinhle Phiri waseZimbabwe kumlo wakhe wokuqala kudidi lwabahlawulwayo, uCharlton uye wayiphumelela imilo esixhenxe elandelayo. Ngaloondlela, uCharlton unqumamise amadoda amathathu kumaxhoba akhe asixhenxe. 

Kwelinye icala, uDeniega, olinxele elisuka eGeneral Santos City, yintshatsheli yodidi lwentambanani kwelasePhilippines, kwaye uphumelele imilo elishumi elinanye, wanqumamisa amadoda asixhenxe, wabethwa kumlo omnye. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php