Emva kokufikelela kumjikelo olandelayo weWBC Grand Prix eSaudi Arabia, uBekizizwe Maitse uziva esemandleni, kwaye nokuzithemba kwakhe kufunqukile, ingakumbi njengokuba kukho owayeyintshatsheli yehlabathi uZolani ‘Last Born’ Tete kwikona yakhe. 

UMaitse ufikelele kumjikelo wesithathu weWBC Grand Prix emva kokubetha ummi waseTanzania uJuma Ramadhan Juma Kikande, owaziwa ngegama elithi Juma Choki, eGlobal Theatre Boulevard Riyadh City eRiyadh kwelaseSaudi Arabia ngoMgqibelo.

Ephumelele imilo esibhozo, enqumamise amadoda amathathu, wabethwa kumlo omnye, uMaitse oyintshatsheli ye-African Boxing Union (ABU) SADC kudidi losiba, ngoku unyeke ukuyokufikelela kumlo wokugqibela.

“Ndivuya kakhulu kuba ndiphumelele umlo obunzima, ndisilwa nomntu olushica. Lempumelelo indikhuthazela ekubeni ndisebenze nzima ngakumbi ukuze ndifezekise iphupha lam lokufikelela kumjikelo wokugqibela,” utshilo uMaitse. 

UMaitse uthethe wenjenje ngokusebenza noTete, owayeyinjinga ye-International Boxing Federation (IBF) kudidi lwejunior-bantamweight neWorld Boxing Organisation (WBO) kudidi lwentambanani: “Usebenza nzima. Ubendityhalela phambili, endisebenzisa nzima. Besiziqeqesha kathathu ngemini ngelaxesha besilungiselela umlo. Uyayazi into ayenzayo. Ndizakuqhubela phambili ndisebenza nomqeqeshi uZolani nkqu nakumjikelo olandelayo.”

UMaitse, ongunyana wentshatsheli yamhlamnene kudidi lwejunior-featherweight eMzantsi Afrika uBongani Mahlangu, ubekwa kwindawo yesixhenxe kudidi losiba eMzantsi Afrika. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php