Owayesakuba yinjinga yoMzantsi Afrika uSibusiso Zingange usenawo umnqeno wokulwa no-Aphiwe Boyiya kumlo wentshinga yeli engenamntu kudidi lwejunior-welterweight.
Oku kwenzeka nangona nje kukho amahumhum okokuba lentshatsheli yamhlamnene kudidi lwejunior-lightweight izakulwa kumlo wentshinga ye-African Boxing Union (ABU) ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesithandathu kuJulayi.
Ukuba ebeyinyaniso lamahumhum athi uZingange sele etyikityele ukulwela intshinga ye-ABU, lonto ibizakuyenza ingabinamsebenzi ifandesi yomlo phakathi kwakhe noBoyiya.
“Sisafuna ukulwa noBoyiya, sisilwela intshinga yoMzantsi Afrika. Okwangoku sisalindele ukuba uBoxing South Africa abhengeze iziphumo zefandesi yalomlo. Asikhathali nokokuba uphi na lomlo kuba into esiyifunayo kukuphumelela intshinga yoMzantsi Afrika,” utshilo uThami Malinga, oqeqesha uZingange.
Ifandesi yomlo phakathi koZingange noBoyiya ivale ngoLwesihlanu kuleveki ephelileyo. UBoxing South Africa (BSA) wanyanzeleka ukuba akhwebe ifandesi emva kokungavumeli kwalamacala mabini.
Ekuqalekeni, uBoyiya kwakufanele ukuba ulwe noSipho Mahlangu e-Orient Theatre, eMonti, kulenyanga ephelileyo, kodwa abaphathi bakaZingange balwa kwamdaka iisali, bexoxa ngelithi nguye ofanele ukulwa nalembethi-manqindi ezinze e-Amalinda ngenxa yokokuba ebekwa kwindawo yesibini eMzantsi Afrika. – Monwabisi Jimlongo