Umlawuli weKay B Promotions uMzi Booi urhoxile kwifandesi yomlo wentshinga yoMzantsi Afrika nengenamntu kudidi lwejunior-welterweight phakathi kwembethi-manqindi yakhe u-Aphiwe Boyiya noSibusiso Zingange.
Oku kuza emva kokuba uBoxing South Africa (BSA) elolulele bonke abathelekisi ixesha lokufaka izicelo kuquka nabathelekisi abatyala eliqumrhu elilawula amanqindi nangona nje izicelo bezisele zivalile ngoLwesihlanu weveki ephelileyo.
Uxwebhu olukhutshwe nguBSA lubeke umhla wokuvala omtsha emini maqanda ngoLwesine umhla wamashumi amabini anesithandathu kuJuni. Kwaye siye saphononongwa isigqibo sabafanele ukufaka izicelo njengokuba lefandesi ivuleleke kubo bonke abathelekisi kuquka nabo abatyala uBSA.
Ebutsheni balenyanga, uBSA wakhweba izicelo zefandesi yalomlo, kwaye wathi bangazidubi nokuzibuda abathelekisi abamtyalayo. Kodwa ziguqukile izinto ngoku emva kokukhutshwa koxwebhu olukhweba bonke abathelekisi ngoMvulo.
“Emva kwezizinto ezisandokwehla ngoku, ndiye ndahlala phantsi negqiza lam saze sagqiba kwelokokuba sirhoxe kwifandesi kuba sinoluvo lokokuba sisingelwe phantsi. Kukho umntu ngoku kwenye indawo oyaziyo ukuba besifake isicelo samalini na kuba iye yavulwa imvulophu,” utshilo uBooi.
Uxwebhu olutsha nolukhutshwe nguBSA ngoMvulo luthe: “Abathelekisi abatyala uBoxing South Africa bavumelekile ukuba bafake isicelo kuphela xa ngabe bawenza amalungiselelo noBoxing SA ngaphambi kokupapashwa kwalentengiso ephindwayo, kwaye nomthelekisi uthe gqolo ngokuhambisana nemiqathango yesivumelwano.”
Kusenjalo, okokoko uthiwe mbende ziingxaki lo mlo walentshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-welterweight. Ezingxaki zaqala mhla uBoyiya watyikitywa yiKay B Promotions ukuba alwe noSipho Mahlangu.
Abalawuli bakaZingange babetha ngenqindi etafileni besithi soze ubekhona umlo phakathi koBoyiya noMahlangu kuba yimbethi-manqindi yabo efanele ukulwa njengokuba ibekwa kwindawo yesibini kuluhlu lweembethi-manqindi eMzantsi Afrika. – Monwabisi Jimlongo