Ibiluvuyo nosizi e-Olympia Park Stadium, eRustenburg, emva kokuba i-Orbit College yonyukele kwiBetway Premiership ngokubetha iCapeTown City ngenqaku elinye eqandeni kumdlalo wePSL Promotion/Relegation emva kwemini ngoLwesithathu.
ULetsie Koapeng, owayeyifolosi yeBidvest Wits ne-Orlando Pirates, ufake elinqaku libalulekileyo nelithumele iqela lakhe kwiPremiership emva kokufumana ibhola ebisuka kuGomolemo Khoto kwimizuzu emithathu siqalile isiqingatha sesibini.
Eliqela lephondo loMntla Ntshona liqokelele amanqaku asibhozo emva kokuphumelela imidlalo emibini, laphinda ladlala ntanga-nye kwemibini.
Ngelilixa ibimivuyo yodwa kwinkampu ye-Orbit College, ibizizijwili kwicala leeCitizens njengokuba abanye babadlali bebekhala, bengathuthuzeleki, emva kokuba usompempe womdlalo uThando Ndzandzeka evuthele impempe yakhe okokugqibela, ephawula ukuba iiCitizens zihliselwe zaya kwiMotsepe Foundation Championship (MFC).