Ezakulwa kumlo wokuzibeka ethubeni lokulwela intshinga yehlabathi kwiWorld Boxing Council (WBC) kudidi lwestrawweight kwisithuba esingaphantsi kweenyanga ezine, ngoku uSiyakholwa Kuse ubekwa phezulu yimibutho emithathu kwemine ephambili ehlabathini.

Ekubeni ebebekwa phezulu yiWBC kuphela, ngoku uKuse uvuna iziqhamo zokuphumelela umlo wakhe wokugqibela, apho wabetha khona ummi wasePhilippines uSamuel Salva, njengokuba lampumelelo imfake phakathi kumanqwanqwa e-International Boxing Federation (IBF) naweWorld Boxing Organisation (WBO). 

Lenzalelwane yaseMdantsane, eMpuma Koloni, eyintshatsheli yeWBC Silver kudidi lwestrawweight, ibekwa kwindawo yesibini kwiWBC, eyeshumi elinesihlanu kwi-IBF neyethoba kumanqwanqwa eWBO. 

“Ndivuya kakhulu ukubekwa kwindawo entle yimibutho emithathu kwemine ephambili ehlabathini. Le yinto ekukudala ndiyifuna. Ndinqwenela ukubekwa phezulu kuyo yomine lemibutho ephambili ehlabathini ukuze ndizokukwazi ukucela umngeni kwiintshinga zehlabathi,” uphefumle watsho uKuse. 

Ngoku uKuse umaxhaphetshu ulungiselela umlo wangoMgqibelo umhla wesine ku-Okthobha xa esilwa nommi wasePhilippines uJoey Canoy kumlo wokuzibeka ethubeni lokulwela intshinga yehlabathi kwiWBC.  

Lo ngomnye wemilo ebalulekileyo kuKuse njengokuba ophumeleleyo ezakubasethubeni lokulwela intshinga yeWBC kudidi lwestrawweight nephethwe nguMelvin Jerusalem wasePhilippines.

Kodwa ayizokuba ngumlo olula lo kuba uCanoy waseGeneral Santos City uyimbethi-manqindi ephume izandla. 

Kwa into yokokuba abekwe kwindawo yesithathu kwiWBC, kweyeshumi elinambini kwi-IBF, kweyesithandathu kwiWBO nakweyeshumi elinesihlanu kwiWorld Boxing Association (WBA) kungqina okokuba yimbethi-manqindi efuna ukujongwa. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php