Emva kwengxokolo elandele umlo ophunyelelwe yimbethi-manqindi yaseLimpopo u-Akani Sambu ngethuba ebesilwa noSabelo Cebekhulu eKhoroni Hotel Casino, eThohoyandou, ngoLwesihlanu, umongameli weWorld Boxing Federation (WBF) uHoward Goldberg udize ukuba bazakuwuphonononga lo mlo. 

Abagwebi ababini baseLimpopo – uMike Phiri noGezani Hlungwani – bavumelene besithi uSambu uyikhusele ngempumelelo intshinga yeWBF Intercontinental kudidi lwentambanani, logama uPumeza Zinakile ethe nguCebekhulu ophumeleleyo. 

“Sizakuwunika igosa laseYurophu likhe liwuphonononge lamlo. Emva koko, sizakubavumela baphinde balwe. Ndifuna ukutsho ukuba ibingumlo omhle lowa, apho uSambu elwe kakuhle ekuqaleni, waze uCebekhulu wabuya ngamandla,” utshilo uGoldberg, owayesakuba ngumgwebi nosompempe. 

Bekukho amathandabuzo ngalomlo ebutsheni beveki ephelileyo emva kokuba usomaqhuzu weMama Rocks Boxing Promotions uModipadi Kgasago efedile ukuhlawula iindleko zeWBF ngexesha. 

Ezindleko zahlawulwa kwimizuzu engaphantsi kweyure ngaphambi kokuba iimbethi-manqindi zikhwele esikalini ngoLwesine emva kokuba uGoldberg egrogrise ngokuwuchitha umlo. 

Ukanti, baphinde baphathwa ngendlela engamkelekanga abagwebi noosompempe kwitumente yeMama Rocks Boxing Promotions.

Abagwebi noosompempe balala kwiisofa eMeropa Casino Sun emva kokusebenza kwitumente yeMama Rocks Boxing Promotions ePolokwane ngoSeptemba 2023. 

Kwaye into ekumila kunje yenzekile ngoLwesihlanu njengokuba abagwebi noosompempe, ababesuka eRhawutini, bazibone sele ‘bengoodingindawo’ bengenandawo yokulala eThohoyandou. 

Kwaye umthelekisi waseLimpopo uPhathutshedzo Dongola, ongumyeni kaKgasago, utyholwa ngempatho-mbi yabagwebi noosompempe.  

Abagwebi noosompempe abathethe ne-Ink Sport batyhole uDongola ngokufeda ukubalungiselela indawo yokulala, inqwelo yokuhamba kunye nento esiwa phantsi kwempumlo. 

Iinduku zomlomo phakathi kwabagwebi noDongola, onkaba yakhe iseNzhelele eVhembe, ziphantse zakhokelela ekubeni ingabikho itumente njengokuba abagwebi noosompempe bebenyanzelisa ukuba banikwe amagumbi okulala ngaphambi kokuyokusebenza kuletumente, eqale emva kweeyure ezimbini kwixesha ebelibekiwe.  

“Imithetho icacile, umthelekisi kufuneka aqinisekise ukuba ikhona into yokuhamba kunye nendawo yokulala kuquka nento esiwa phantsi kwempumlo. Ihotele kufuneka ibesemgangathweni,” utshilo uGoldberg. 

UDongola wenze unam nawe ngethuba i-Ink Sport imcela ukuba aphefumle malunga nokwenzekileyo. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php