Emva kokuchitha iinyanga ezimbini ejonge enkalweni, elindele imali yakhe kulandela kokuchithwa komlo wakhe nommi waseNamibia uPaulinus Ndjolonimus kwiWorld Boxing Organisation (WBO) Africa kudidi lwesuper-middleweight ngo-Epreli, uSnamiso Ntuli angakwazi ukuncuma ngoku njengokuba ehlawulwe ishumi ekhulwini kwimali awayeyityikityele. 

Lenzalelwane yaseMnambithi, KwaZulu-Natal, iyifumene ngoMvulo imali ivela kumthelekisi waseNamibia uNestor Tobias weNestor Sunshine Tobias Boxing and Fitness Academy.

UNtuli wanikela umva ilizwe laseNamibia, wabuyela ekhaya engahlawulwanga emva kokuchithwa komlo wakhe noNdjolonimus kanye ngaphambili kokukhwela isikali njengokuba lommi waseNamibia warhoxayo emlweni kuba kwakusithiwa uyagula.  

“Ndiyifumene imali, noko akufani nokuhlala. Ndibulela wonke umntu obenendima ayidlalileyo kwilinge lokokuba ndifumane lemali,” utshilo uNtuli.

Nanjengokuba uTobias sele emhlawulile uNtuli, kungenzeka ukuba lentshatsheli yaKwaZulu-Natal kudidi lwesuper-middleweight ibuyele eNamibia kwisithuba seenyanga ezimbini.  

“Babonakalisile ukuba bafuna ndiyokulwa eNamibia ngoSeptemba. Ndiyakuvuya kuphela xa sele ndisityikityile isivumelwano somlo,” utshilo uNtuli, owayesakucela umngeni kwintshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwemiddleweight. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php