U-Ime Okon uzibandakanye neqela laseJamani iHannover 96, esuka kwiSuperSport United ngoLwesibini.

Lomdlali weBafana Bafana, oneminyaka engamashumi amabini ananye, utyikitye isivumelwano seminyaka emine neliqela laseJamani. 

“Ndiyavuya ngokutyikitya neHannover 96. Ndichwayite kakhulu ngalomcelimngeni wokudlala eJamani. Ndikujonge ngamehlo abomvu ukuzibandakanya neliqela, kwaye ndifuna ukuba ngumdlali obhetele nopheleleyo. Ndingazichaza njengomdlali otshawuzayo noburhabaxa. Ndizakuzama ukuba negalelo ukususela ngoku, ndincede eliqela,” utshilo u-Okon. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php