Ubuyele kwelaseMexico uTshifhiwa ‘The Atomic Spider’ Munyai esiyokulwa isihlandlo sesithathu kwelalizwe elisembindini Melika ukususela ngoNovemba nyakenye.
Emva kokubethwa kwimilo yakhe emibini yokugqibela kumhlaba waseMexico, ngoku uMunyai uzakulwa nommi waseMexico nongekabethwa uMiguel Esparza ‘Fantastico’ Cruz eCiudad Juárez kwiphondo iChihuaha ngoLwesihlanu.
Lenzalelwane yaseMakwarela, eLimpopo, neyintshatsheli yamhlamnene kudidi lwelightweight eMzantsi Afrika nakwi-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwejunior-featherweight, ibethwe nguRosario Sanchez Terrones ngoJanyuwari, yaphinda yabethwa nguMiguel Roman ngoNovemba kulonyaka ophelileyo.
Ethetha ngoCruz, uMunyai, oneminyaka engamashumi amane, uthe: “Usemtsha, kwaye yimbethi-manqindi enesakhono nesakhulayo. Uza phambili njengazo zonke iimbethi-manqindi zaseMexico.”
UMunyai wongeze ngelithi: “Apha eMexico, yonke into inento yokwenza nomntu olwa naye akuvalele ekoneni. Uyakubethwa uncame ukuba awukwazi ukunyamezela. Akezi nento entsha, uneempazamo, mpazamo ezo endizakusebenza ngazo. Ndikholelwa ukuba ndizakumothusa lomfana.”
UMunyai ligqala eliphumelele imilo engamashumi amathathu anesithandathu, enqumamise amadoda angamashumi amabini ananye, wabethwa kwimilo elishumi, walwa ngokulingana komnye.
Ukanti, uCruz, oneminyaka engamashumi amabini anesine, uyiphumelele yolishumi elinesibhozo imilo yakhe, enqumamise amadoda alishumi elinesithathu. – Monwabisi Jimlongo