Umqeqeshi wamanqindi uThembani ‘Best’ Gopheni ucele uxolo kuBoxing South Africa (BSA) emva kokuthabatha imbethi-manqindi yakhe uLusizo Manzana ukuba ayokulwa eTanzania engagunyaziswanga ngoDisemba kulonyaka ophelileyo.
UManzana waseMthatha, eMpuma Koloni, wabethwa ngu-Ibrahim Mafia, ogama lakhe lokwenene lingu-Ibrahim Mustafa Kodema, eSuper Dome Arena, eDar-Es-Salaam.
Ngenxa yokokuba wathabatha uManzana, obekwa kwindawo yesithathu eMzantsi Afrika, wamsa eTanzania engakhululwanga nguBSA, uGopheni wamiswa iinyanga ezintathu.
“Oku kukuxolisa ngokungazenzisiyo kuBoxing South Africa nabo bonke ababandakanyekayo ngenxa yokwaphula kwam iimfuno zeBoxing Act kunye nemigaqo efanele ukulandelwa,” utshilo uGopheni kwincwadi ayibhalele ingqonyela kaBSA uTsholofelo Lejaka.
“Ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kuDisemba 2024 uLusizo Manzana walwa kwelaseTanzania engakhululwanga nguBoxing South Africa. UBoxing South Africa waqala inkqubo yoluleko ngakum, kwaye ndanikwa ithuba lokuziphendulela, nto ke leyo eyakhokelela ekurhoxisweni kwam iinyanga ezintathu. Ndaze ndacelwa ukuba ndixele uxolo esidlangalaleni.
“Ngoko ke, ndithabatha uxanduva olupheleleyo ngezenzo zam, kwaye ndithembisa ukuyigcina yonke imithetho nemigaqo ukubheka phambili. Ndisamkela ngokupheleleyo isigqibo esithatyathwe nguBoxing South Africa ngam.”
UGopheni, oqeqesha iimbethi-manqindi eMdantsane, nguyise kaSivenathi ‘Special One’ Nontshinga, owaphumelela intshinga ye-International Boxing Federation (IBF) kudidi lwejunior-flyweight kabini.