Imbethi-manqindi ephambili eMzantsi Afrika uMxolisi ‘Nation’ Zuma akanavalo njengokuba ezakuntingela kwelaseNamibia, apho azakulwa khona noFillipus ‘Energy’ Nghitumbwa eWindhoek kulenyanga ezayo.

Ebekwa kwindawo yokuqala eMzantsi Afrika, uZuma ulwa noNghitumbwa kumlo weWorld Boxing Organisation (WBO) Global kudidi lwejunior-featherweight eWindhoek Country Club Resort ngoMgqibelo umhla wethoba ku-Agasti.

“Ndiya eNamibia kulenyanga ezayo, apho ndizakulwa khona noNghitumbwa, oyimbethi-manqinidi enesakhono. Ubekelwa phezulu emanqindini, kwaye lonto yenza ukuba ibeyinto entle kukulwa naye,” utshilo uZuma. 

“Ndiwamkele lo mlo ndisazi kakuhle ukuba ndizakulwa nembethi-manqindi ephume izandla. Ndizithembile ukuba ndizakumelana nayo nantoni na azakuyigibisela kum. Ndicinga ukuba lifikile ixesha lokokuba ndibonise abalandeli bamanqindi mgaphaya kwemida yeli loMzantsi Afrika ukuba ndingenza ntoni na.” 

UZuma, oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe, uyiphumelele yolishumi imilo yakhe ewanqumamise onke amadoda, logama uNghitumbwa, oyingozi, unqumamise amadoda alishumi elinesine kumaxhoba alishumi elinesithandathu, ebethwe kwimilo emibini.

UNghitumbwa, oneminyaka engamashumi amabini anethoba, ukwindawo yeshumi elinesihlanu kuluhlu lweWorld Boxing Council (WBC), aze abekwindawo yethoba kwiWBO. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php