Njengokuba usondela umlo wakhe olandelayo, uKevin Lerena negqiza lakhe bazakunikela uMzantsi Afrika umva, bentingela kwelase-United Kingdom ngoMgqibelo, kwilinge lokuqhubela phambili namalungiselelo omlo wakhe noLawrence Okolie.

ULerena uzakucela umngeni ku-Okolie, oyintshatsheli yeWorld Boxing Council (WBC) Silver kudidi lwanzima, eWembley Arena, eLondon ngoMgqibelo kuleveki ezayo. 

“Sintingela kwelase-United Kingdom ngoMgqibelo,” uqinisekise watsho uLerena, oyinjinga yeWBC kudidi lwebridgerweight.

ULerena no-Okolie kwakufanele ukuba balwa kumlo wentshinga yeWBC kudidi lwebridgerweight kulonyaka ophelileyo. Kodwa lo mlo lowo awuzange ubekhona njengokuba u-Okolie wonyukela ngentla kudidi lwanzima. 

ULerena, oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu, uya kumlo no-Okolie emva kokuyikhusela ngempumelelo okokuqala intshinga yakhe yeWBC kudidi lwebridgerweight ngokubetha ummi wase-Ukraine uSerhiy Radchenko ePitoli kwisithuba esingaphaya kweenyanga ezimbini. 

Kwelinye icala, u-Okolie, oneminyaka engamashumi amathathu anesibini nowazelwa eHackney, eLondon, uzakube esilwa okokuqala ukususela mhla wabetha uHussein Muhamed waseJamani eWembley Arena ngoDisemba nyakenye.  

Kusenjalo, umlo kaLerena no-Okolie uzakugabulela izigcawu u-Oleksandr Usyk wase-Ukraine kunye noDaniel Dubois waseNgilane.

Esisibini sizakulwela iintshinga zeWorld Boxing Council (WBC), International Boxing Federation (IBF), World Boxing Organisation (WBO) kunye ne-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwanzima. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php