Emva kokugaleleka eDallas kwelaseMelika ngoMvulo, uPhumelela ‘The Truth’ Cafu, ongenadyudyu, ujongene ubuso ngobuso okokuqala noJesse ‘Bam’ Rodriguez waseMelika eDallas Cowboys Stadium eTexas ngoLwesibini (ngentseni yangoLwesithathu, ngokwexesha loMzantsi Afrika).
UCafu noRodriguez bazakuvana amandla eFord Centre, eStar Frisco, eDallas, eTexas ngoMgqibelo (ngeCawa, ngokwexesha loMzantsi Afrika). Kuzakube kusilwelwa intshinga kaCafu yeWorld Boxing Organisation (WBO) kudidi lwejunior-bantamweight kunye neentshinga zeWorld Boxing Council (WBC) neRing Magazine eziphethwe nguRodriguez.
Okokoko uCafu, oyinzalelwane yaseDuncan Village, eMonti, nomqeqeshi wakhe uColin ‘Nomakanjani’ Nathan beziqeqesha eLas Vegas ukususela ukufika kwabo kwelaseMelika kuleveki ephelileyo.
“Sibahle kakhulu. Sifike ngoMvulo eDallas,” utshilo uNathan, oligqala lamadabi amaninzi.
Lo ngowona mlo obaluleke kakhulu kuCafu, owayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight, njengokuba impumelelo iyakumbeka phakathi kweembethi-manqindi eziphambili ehlabathini.