Amaqumrhu amabini athelekisa emanqindini, elinye liseMonti, logama elinye liseRhawutini, afikelele kwisivumelwano sentsebenziswano, apho azakubamba ilima, esenza iitumente zamanqindi.

ILast Born Boxing Promotions, ebimelwe nguMlandeli Tengimfene, kunye neWarrior Ascent Promotions kaBrad Norman zidize ukuba zizakubamba ilima, zisenza iitumente zamanqindi eMonti. 

Njengangoku, iimbethi-manqindi ezine zikaNorman – uMayamiko Mozland, uKhulakahle Dlamini, uBekizizwe Maitse noMichael Adesodun – baziqeqesha eMonti ngaphantsi kweliso elibukhali lentshatsheli yamhlamnene kwi-International Boxing Federation (IBF) kudidi lwejunior-bantamweight neWorld Boxing Organisation (WBO) kudidi lwentambanani uZolani ‘Last Born’ Tete. Ezimbethi-manqindi sele zineeveki ezintathu ziseMonti.

“Siyila ubuhlobo phakathi kweLast Born Boxing Promotions neWarrior Ascent Promotions. Sinyeke ukubambisana, senze iitumente kunye,” utshilo uTengimfene. 

UNorman, ongusomaqhuzu kwindawo yokuziqeqesha yeWBC kumbindi wedolophu yaseRhawutini, uthethe wathi: “Sizakukwenza ilima, senze iitumente kunye. Ndifuna iqumrhu labo lokuthelekisa lihlale lisebenza. Kwaye ndifuna iimbethi-manqindi zam zihlale zisilwa, ingakumbi eMonti, apho kukho khona iimbethi-manqindi ezinomhluzi.” 

Kusenjalo, uMozland, owaziwa kakhulu ngesiteketiso esithi ‘Tyson’, ulwa kudidi lwejunior-welterweight, kwaye ulungiselela umlo wakhe ozakubaseKapa ngoMgqibelo umhla wesibini ku-Agasti. 

Kwelinye icala, uMaitse uzakulwa kumjikelo wesithathu weWBC Grand Prix, eRiyadh, kwelaseSaudi Arabia, kulenyanga ezayo. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php