Emva kokukhokelela uSanele ‘V16’ Sogcwayi kwimpumelelo kwimilo yakhe emibini yokuqala, umqeqeshi ozinze eMdantsane uNcedo Cecane akazokubakho xa lembethi-manqindi isilwa kulenyanga ezayo.

USogcwayi uzakulwa no-Eric Zwane waseThekwini eCabo Beach, eVictoria and Alfred Waterfront, eKapa ngoMgqibelo umhla wesibini ku-Agastii. 

UCecane uzakuphoswa ngulomlo kaSogcwayi kuba uxakeke namalungiselelo kaThinumzi Gqola, ozakucela umngeni kwintshatsheli yodidi lweminimumweight eMzantsi Afrika uMthokozisi Ngxaka eRhawutini. 

Njengokuba ingazokubakho nje lenjinga yamhlamnene kudidi lwempukane eMzantsi Afrika, uSogcwayi uzakukhokelelwa edabini nguSimphiwe ‘V12’ Vetyeka, owayeyintshatsheli yeWorld Boxing Association (WBA) ne-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwentambanani.

“Sifuna uNcedo agxile ekuqeqesheni uGqola njengokuba elungiselela ukucela umngeni kuNgxaka, yiyo lonto izakuba nguVetyeka ekoneni kaSogcwayi eKapa,” utshilo uThembelani ‘Shakes’ Hlombe, ongumlawuli kaSogcwayi. 

USogcwayi, oyinzalelwane yaseMdantsane, ulwa noZwane kwimijikelo emithandathu kudidi losiba, kwaye ngumlo wakhe wesithathu lo kususela kumlo wakhe wokuqala e-Emperors Palace, Kempton Park, Ekurhuleni, kwiinyanga ezine ezagqithayo. 

USogcwayi uyiphumelele yomibini imilo yakhe, enqumamise indoda enye, logama Zwane wabethwa kumlo wakhe wamazibulo, waze waphumelela ngokunqumamisa amadoda amabini kwimilo yakhe elandelayo emibini. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php