Obekwa kwindawo yokuqala e-Africa kuluhlu lweBoxrec noyintshatsheli yoMzantsi Afrika kwicandelo labasetyhini kudidi lwempukane, uSimangele ‘Smash’ Hadebe uzakubuyeka eqongeni kulenyanga ezayo xa esilwa no-Olamiposi Kehinde Solomon waseNigeria. 

UHadebe noSolomon batyikitye isivumelwano sokulwela intshinga yeWorld Boxing Council (WBC) Africa kwicandelo labasetyhini kudidi lwempukane ngoMgqibelo umhla wamashumi amathathu ku-Agasti.

“USmash uyalwa ngomhla wamashumi amathathu ku-Agasti. Ungowasetyhini wokuqala eMzantsi Afrika ukulwela intshinga yeWBC Africa,” utshilo uColleen McAusland, ongumlawuli kaHadebe. 

UHadebe ugqibele ukulwa ngethuba ebethwa nguGabriela ‘La Bonita’ Sanchez Saveedra waseMexico kumlo weWBC Silver kwicandelo labasetyhini kudidi lwempukane kwelaseMexico kwiinyanga ezintathu ezigqithileyo, kwaye wayeqala ukubethwa kwisithuba esingaphaya kweminyaka emithandathu.

Ngaphambi kokuphulukana nomlo wakhe noSaveedra, uHadebe wagqibela ukubethwa ngummi wase-Armenia uSofia Abramyan eKoston Club kwelaseRussia ngoFebruwari 2019. 

Kwelinye icala, uSolomon, obekwa kwindawo yesibini yiBoxrec, akakalwi ukususela mhla wabetha uBusola Obi ngoDisemba kulonyaka ophelileyo.

USolomon, oneminyaka engamashumi amabini ananye, akakabethwa njengokuba ephumelele imilo esixhenxe, enqumamise oosisi abane, waze walwa ngokulingana komnye umlo. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php