Akakazobuyela eqongeni uSharadene Fortuin njengokuba umlo wakhe obuzakuba kwelaseZimbabwe kulenyanga ezayo ungasekho.
Abaququzeleli bomlo kaFortuin babethembise ukuza nenye imbethi-manqindi emva kokonzakala kukaKudakwashe Chiwandare ngethuba wayedlala ibhola ekhatywayo eZimbabwe ebutsheni balenyanga.
UFortuin, oyinjinga yoMzantsi Afrika kwicandelo labasetyhini kudidi lwentambanani, ebezakulwa noChiwandare kumlo we-African Boxing Union (ABU) SADC kudidi lwentambanani eCountry Club Harare, eZimbabwe, ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesithathu ku-Agasti.
Ukanti, uChiwandire, owayeyintshatsheli ebambeleyo yeWorld Boxing Council (WBC) kwicandelo labasetyhini kudidi lwejunior-featherweight, wonzakala embalweni ngethuba edlala kumdlalo webhola ekhatywayo phakathi kweqela lakhe iScottland neHarare City Cubs kumdlalo weWomen’s Northern Region Soccer League.
“Awukho umlo. Ababantu oko babethe bazofuna omnye umntu. Ndayiqonda soze bayenze lonto kuba lamlo wawusenzelwa lamntwana owonzakalayo,” utshilo uLonwabo Witbooi, ongumqeqeshi kaFortuin.
UFortuin waseSeymour kumaspala iRaymond Mhlaba, eMpuma Koloni, akakalwi kususela mhla wabetha uPatience Mastara waseZimbabwe ePolokwane ngoSeptemba 2023.