Emva kokunqumamisa umhlobo wakhe nokwangumkhaya wakhe waseMakhanda uSiphesihle Mpolweni eMonti ngokuhlwa kwangeCawa, ngoku imbethi-manqindi engekabethwa uBongani Fule ufuna ibuyele eMpuma Koloni intshinga yoMzantsi Afrika kudidi losiba.

Ukubonakalisa iinjongo zakhe, uFule sele ewucelile umngeni kwintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi losiba uLindelani Sibisi, owathabatha esisithsaba ngethuba enqumamisa uZolisa Batyi waseNxarhuni, eMpuma Koloni, e-Orient Theatre, eMonti, kwisithuba esingaphaya kweenyanga ezimbini. 

UFule, obekwa kwindawo yesibini kuluhlu lodidi losiba eMzantsi Afrika, ulwe kakuhle kakhulu ngethuba ewisa uMpolweni kathathu, waze wamnqumamisa kumjikelo wesine eGuild Theatre. 

“UFule utyikitye isivumelwano kunye neKay B Promotions. Kwaye sele esifakile isicelo, ecela umngeni kwintshinga yoMzantsi Afrika kudidi losiba,” udize watsho usomaqhuzu weKay B Promotions uMzi Booi. 

U-Andile Mshumpela, ongumlawuli kaFule, uthethe wathi: “Siya kuSibisi njengokuba sesicele umngeni nje. Intshinga yoMzantsi Afrika kudidi losiba yeyalapha eMpuma Koloni.” 

UFule, owayeyinjinga yaseMpuma Koloni kudidi lwejunior-lightweight, sele elwe kakuhle kakhulu kangangokokuba uyiphumelele yosixhenxe imilo yakhe, enqumamise amadoda amane. Unqumamise amadoda amathathu kwimilo yakhe emithathu yokugqibela. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php