Nangona nje enyeke ukufumana isipho somhla wokuzalwa wakhe ungekafiki lomhla lowo, uSimamkele Tutsheni uziva enelungelo elilodwa njengokuba eyinxalenye yetumente eyimbali ezakwenziwa yiGolden Gloves.
UTutsheni uzakuxhimfana nomkhaya wakhe waseKapa uCaleigh Swart kumlo wentshinga engenamntu ye-International Boxing Organisation (IBO) All-Africa kwicandelo labasetyhini kudidi lwejunior-featherweight e-Emperors Palace, eKempton Park, Ekurhuleni, ngoMgqibelo.
“Ndiziva ndichwayitile njengokuba ndizakulwa noCaleigh Swart. Yimbali le kuba izakuba kokokuqala iimbethi-manqindi zasetyhini ezine zaseKapa zisilwa kwitumente enye eGauteng,” uphefumle watsho uTutsheni.
UTutsheni, ozakufinca iminyaka engamashumi amabini anesine ngeCawa umhla wamashumi amathathu ananye ku-Agasti, wongeze wathi: “Liqonga eliphakamileyo eli. Ndisebenze nzima ndungiselela lomlo, kwaye ndizakubuya nayo intshinga.”
Ebekwa kwindawo yokuqala kuluhlu lodidi lwejunior-featherweight eMzantsi Afrika, uTutsheni uyiphumelele yosixhenxe imilo yakhe, enqumamise oosisi abathathu.
UTutsheni, owayengomnye wabagqatswa be-2023 Prospect of the Year, ugqibele ukulwa ngethuba ebetha uPamela Matunga waseZimbabwe ngoSeptemba kulonyaka ophelileyo.
Kusenjalo, uSwart unqumamise usisi omnye kulemilo yakhe amahlanu ayiphumeleleyo, kwaye sele elwe kabini kulonyaka. Wabetha uNolwazi Mabaso ngo-Epreli emva kokuba wayebethe uSeani Morite kwisithuba esiphantse sibeziinyanga ezintandathu.
Okunikisa umdla kakhulu kukuba bobabini uTutsheni noSwart sele bevelokubetha uMatunga no-Anam Xuza.
Ukanti, umlo kaTutsheni noSwart uyinxalenye yetumente ebizwa MzansiMagic, apho umlo ophambili uzakuba phakathi kwenjinga ekhusela intshinga yayo ye-IBO kudidi lwejunior-bantamweight uRicardo Malajika noJayson Mama wasePhilippines. – Monwabisi Jimlongo