Ilishwa lokophuka iqatha, elehlele u-Owethu Rula, linike u-Okuhle ‘Lady Dynamite’ Mthi ithuba lokulwa nommi waseMalawi uMphatso Metaudzu kuleveki ezayo.
UMthi uzakuxhimfana noMetaudzu kumlo wemijikelo esibhozo eGeorge Botha Community Centre KwaNoxolo, eGqeberha, ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesithathu ku-Agasti.
“Nditsalelwe umnxeba nguCaiphus Ntante, ongumphathi ka-Owethu Rula, ekhangela ukuba u-Okuhle Mthi anganakho na ukuthabatha indawo kaRula okanye hayi. Savumelana, sawuthabatha umlo,” utshilo u-Andile Mshumpela, ongumphathi kaMthi.
Ebekwa kwindawo yesine kuluhlu lweembethi-manqindi zasetyhini kudidi lwejunior-flyweight eMzantsi Afrika, uMthi uya kumlo noMetaudzu emva kokubethwa nguSibabalwe Gwebityala kwiholo yaseScenery Park, eMonti, kwiinyanga ezine ezigqithileyo.
Kusenjalo, izakuba kokokuqala uMthi, oyinzalelwane yaseMthatha, esilwa eGqeberha kususela mhla wabetha ongasekhoyo uThapelo Bokwe eWells Estate Multipurpose Hall ngo-Okthobha 2023.