UThembelani ‘Shakes’ Hlombe akanangxaki naye nabani na ohlaba ikhwelo lokokuba uphinde uphononongwe umlo wembethi-manqindi yakhe uThinumzi Gqola noMthokozisi Ngxaka.

UGqola ubethe uNgxaka ngamanqaku, waze ngaloondlela waphumelela intshinga yoMzantsi Afrika kudidi lweminimumweight kwiholo iPortuguese, eTurffontein, eRhawutini, ngokuhlwa kwangeCawa.

Ngoku abalawuli bakaNgxaka bafuna uphononongwe umlo njengokuba bekholelwa ukuba lenzalelwane yaseMthatha yenze ngokwaneleyo ukuwuphumelela umlo.

“Bamkelekile ukuba bafune kuphononongwe umlo, asinangxaki nalonto. Ukuphononongwa komlo akuzikuziguqula iziphumo zomlo. Siwuphumelele umlo, uNgxaka uqale ukulwa ngoku sele uhambile umlo. UGqola angaphinda ambethele naphina uNgxaka, nkqu naseMonti,” utshilo uHlombe.

Ekhokelelwe edabini nguNcedo Cecane, owayeyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwempukane, uGqola ucacise zisuka ukuba ebefuna ukuphumelela umlo njengokuba ewuthabathe wawusa ngqo kuNgxaka.

Ukuphumelela intshinga yoMzantsi Afrika yinto encomeka kakhulu kuGqola, owayengekho kuluhlu lweembethi-manqindi kwiinyanga ezintandathu ezigqithileyo, njengokuba wayengalwanga ukususela ngoMatshi 2023. UGqola wathi dyulukudu kuluhlu lweembethi-manqindi emva kokunqumamisa kumjikelo wokuqala uMalakhi Sobolo, owayekwindawo yesihlanu ngoMatshi.

Emva kokuphumelela kulomlo noNgxaka, lenzalelwane yaseDuncan Village iye yaliphucula irekhodi layo njengokuba sele iphumelele imilo emihlanu, yanqumamisa indoda enye, yabethwa kabini.

Kwelinye icala, uNgxaka, obethwe okokuqala kwimilo yakhe emihlanu yokugqibela, uphumelele imilo elithoba, enqumamise amadoda amahlanu, wabethwa kathathu, waze walwa ngokulingana kumlo omnye.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php