Kwilinge lokuqinisa iifolosi zayo, iKaizer Chiefs ibhengezile kusasa ngoLwesibini ukuba ityikitye umdlali waphambili u-Etiosa Ighodaro, owayedlalela iMamelodi Sundowns.
Lommi waseNigeria, oneminyaka engamashumi amabini anesine, utyikitye isivumelwano sengqesho seminyaka emibini emva kokudlalela AmaZulu eThekwini kulesizini ephelileyo.
“Siyamamkela u-Etiosa kusapho lweChiefs. Sichwayitile ngenxa yokokuba ezibandakanye nathi. Akukho mathandabuzo ukuba ukuzinikela kwakhe nendlela asebenza ngayo kuzakuba lulutho kwiqela lethu. Sijonge kwimizuzu nemizuzu engenakulibaleka,” utshilo uKaizer Motaung Junior, ongumqondisi weChiefs.
U-Ighodaro wafika eMzantsi Afrika kwiminyaka emine eyagqithayo, kwaye iSundowns yaye yabolekisa ngaye kumaqela aliqela kwiPremier Soccer League (PSL). Ngenxa yalonto, u-Ighodaro ukhe wadlalela i-University of Pretoria, iChippa United, iSuperSport United noSuthu.