Ekugqibeleni lide lawongwa igqala lomqeqeshi wamanqindi uNorman Hlabane njengokuba efumene iwonga le-Andrew Mlangeni Green Jacket kwiiSouth African Sport Awards eSun City, eRustenburg, ngokuhlwa kwangeCawa.
Ekubeni amanqindi ebengenayo nomntu omnye okuluhlu lwabagqatswa kuzo zonke izintlu, uHlabane, oneminyaka engamashumi asixhenxe anethoba, uye wawathethelela amanqindi ngokuzuza lembasa.
UHlabane uwongwe kunye noBruce Fordyce, owaphumelela ugqatso lweComrades izihlandlo ezilithoba, owayeyinjuze etshawuzayo uPeter Manero Ngobeni, igqala nembaleki uJohannes Mosehla kunye no-Errol Tobias, owayengumdlali wombhoxo omnyama wokuqala ukudlala umdlalo wovavanyo kwiqela loMzantsi Afrika.
Njengokuba wakhe wayimbethi-manqindi ehlawulwayo, uHlabane ukhunjulwa kakhulu ngokukhokelela umfi uDingaan ‘The Rose of Soweto’ Thobela kuloyiso kwiintshinga zeWorld Boxing Organisation (WBO) neWorld Boxing Association (WBA) kudidi lwelightweight.
Kungoku nje, uHlabane, owafumana iwonga leLifetime Achievement kwi-2018 Gauteng Sport Awards, uqeqesha uKhaya Busakwe, oyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwelightweight.