Ngumlo ekukudala imbethi-manqindi yaKwaZulu-Natal nentshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwemiddleweight uPhikelelani ‘Stinger Khumalo ewufuna njengokuba ezakulwa noDonJuan van Heerden.
UKhumalo, oye warhoxa kumlo wangoMgqibelo noYunus S’phiwe Mbhele emva kokonzakala esandleni, uzakulwa noVan Heerden e-Emperors Palace, eKempton Park, Ekurhuleni, ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anethoba kuNovemba.
“Uzakubakhona umlo noVan Heerden, kwaye ndivuya kakhulu yilonto. Kudala ndifuna ukulwa naye,” utshilo uKhumalo.
Ethetha ngomonzakalo wakhe wasesandleni awawufumana ngethuba eziqeqesha, uKhumalo uthe: “Ndichacha kakuhle ngoku, kwaye neentlungu zithothile. Ndicinga ukuba ndizakukwazi ukusebenzisa isandla sam kwezintsuku zimbalwa zizayo.”
UKhumalo akakalwi ukususela mhla wabetha uJohn Bopape ngamanqaku kwiholo yedolophu yase-Estcourt, KwaZulu-Natal, ngoMatshi kulonyaka.
Kusenjalo, nayo intshinga kaVan Heerden ye-African Boxing Union (ABU) kudidi lwemiddleweight izakube isesichengeni xa esilwa noKhumalo.
UVan Heerden wabayintshatsheli entsha ye-ABU emva kokuba uDean Promnick engazange abuyele eqongeni xa kuqala umjikelo weshumi ebutsheni benyanga ephelileyo. – Monwabisi Jimlongo