ULonwabo Witbooi uthabathe umlo wawusa kuSiseko Teyisi, kwaye uthi lentshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-flyweight mayiyithi xibilili intshinga yayo ukuba ayifuni ukulwa nembethi-manqindi yakhe u-Athenkosi Thongwana kumlo olandelayo. 

UWitbooi ukubeke kwacaca oku ngethuba ethetha noBongani Bozo, ongumlawuli kaTeyisi, emva kokuba lentshatsheli iwamkele umcelimngeni kaThongwana. 

Ngoku uWitbooi ufuna ukuba uTeyisi alibale ngomlo no-Elmar Zamora wasePhilippines, mlo lowo obekelwe iCawa umhla wamashumi amabini anesibhozo kuSeptemba e-Orient Theatre, eMonti, aze akhusele intshinga yakhe yoMzantsi Afrika. 

“Into efana nale ikhe yehla kuSinethemba Blom, ngoku bayenza kuThongwana. Ndilibeke lacaca kuBongani elokokuba mabakhethe kwizinto ezimbini, bakhusele kuThongwana okanye bayithi xibilili intshinga,” utshilo uWitbooi.

UWitbooi wongeze wathi: “Andisoze ndivumele ukuba anyhashwe amalungelo kaThongwana kuba abantu befuna uTeyisi abheke phambili. UTeyisi makazalisekise iimfuno zamanqindi, akhusele kuThongwana. Ilula ngolohlobo lento.” 

I-InkSport ingakudiza ukuba umlo kaTeyisi noZamora awukavunywa nguBoxing South Africa (BSA) okwangoku. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php