Ngelingeni ide yafunyanwa indawo ekuzakulwelwa kuyo umlo wentshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-welterweight phakathi kuka-Aphiwe Boyiya noSibusiso Zingange.

Usomaqhuzu weTLB Boxing Promotions uJoyce Kungwane uqinisekisile emva kwemini ngoLwesithathu ukuba lo mlo uzakubanjelwa eSun City Superbowl, eRustenburg, kwiphondo loMntla Ntshona ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini kuSeptemba.

Ekuqaleni, lo mlo wawubekelwe umhla wamashumi amabini anesithandathu kuJulayi, kodwa waye wamiswa emva kokungafumaneki kwe-Emperors Palace, eKempton Park, Ekurhuleni, ndawo leyo owawujolelwe yona.

Kusenjalo, lentshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-welterweight yathiwa xibilili nguNtethelelo Nkosi emva kokuthabatha isigqibo sokukhangela udumo kwiWBC Grand Prix eRiyadh kwelaseSaudi Arabia.

Okwangoku, uNkosi waseMtubatuba, KwaZulu-Natal, sele engenile kumjikelo wesithathu wolukhuphiswano.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php