Kungaphelanga neentsuku ezimbini ezimanye kunye neNO DOUBT Management kaColin ‘Nomakanjani’ Nathan, uMpumelelo Tshabalala sele efumene ithuba lokulwa kumlo wokuzibekela indawo kowentshinga yehlabathi.

UTshabalala uzakulwa noSergio Mendoza Cordova waseMexico kumlo wokuzibekela indawo kowentshinga ye-International Boxing Federation (IBF), apho ophumeleleyo ezakucela umngeni kwinjinga uThanongsak Simsri waseThailand.

“Ewe, sifumene incwadi yokulwela indawo yokuqala, kwaye siyamkele nanjengokuba uCordova naye eyamkele. Sizakuqalisa ngeengxoxo kwezintsuku zimbalwa zizayo,” utshilo uNathan.

UVusi Malinga, ongumlawuli kaTshabalala, uthethe wathi: “Ndanelisekile ukubona uMpumelelo ethabatha inyathelo elinje kwi-IBF. Lithuba elihle kakhulu eli ukuze azibonakalise njengembethi-manqindi ephambili e-Afrika.”

Ezinguqu zikhawuleze kangaka yinto nokwenza nesakhono aziwa ngaso uNathan kumanqindi oMzantsi Afrika. Kulonyaka ophelileyo, uPhumelela ‘The Truth’ Cafu wayefuna imilo emikhulu, eziva ngathi akayindawo.

Wazibandakanya noNathan, waze wazuza ithuba lokulwela intshinga yeWorld Boxing Organisation (WBO), esilwa noKosei Tanaka kwelaseJapan ngenxa yonxibelelwano olumandla lukaNathan. UCafu, oyinzalelwane yaseDuncan Village, waphumelela intshinga yeWBO emva kokubetha uTanaka eJapan ngo-Okthobha nyakenye.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php