UBeaven Sibanda, owonzakeleyo nonentliziyo ebuhlungu, unyanzeleke ukuba arhoxe kumlo wakhe noJoey Canoy wasePhilippines.
USibanda ebezakukhusela intshinga yakhe ye-IBF International kudidi lweminimumweight xa esilwa noCanoy e-Emperors Palace, eKempton Park, Ekurhuleni, ngoMgqibelo umhla wesine ku-Okthobha. Kodwa umonzakalo wasemsipheni unyanzelise ukuba lenzalelwane yaseHarare kwelaseZimbabwe irhoxe kulomlo.
“Bendiziziqesha ngethuba ndisonzakala emsipheni. Ndizakwenziwa uqhaqho kungekudala. Kunzima nokubuchaza ubuhlungu endibuvayo, hayi obomzimba, kodwa ingcamango yokokuba ndingazokulwa kumlo wam olandelayo ngomhla wesine,” utshilo uSibanda.
USibanda wongeze wathi: “Ndicela uxolo kubalandeli bam kunye negqiza labaqeqeshi bam ngalento kuba ndiyazi benilindele ukundibona ndisilwa, kodwa ke ndizakubuya.”
USibanda, oneminyaka engamashumi amabini anesithathu, waphumelela intshinga ye-IBF emva kokunqumamisa uRichard Garde wasePhilippines kumjikelo wesihlanu ebutsheni bukaJulayi.
USibanda ubekwa kwindawo yesihlanu kwiWBC, kweyethoba kwi-IBF nakwindawo yeshumi elinesine kwiWorld Boxing Organisation (WBO) ephumelele imilo elithoba, emine ngokunqumamisa, waze wabethwa kumlo omnye.