ISekhukhune United iqinisekise ukuba iKaizer Chiefs ibethwe okokuqala, iyiquthisa ngamanqaku amathathu kwelinye kumdlalo weBetway Premiership eFNB Stadium, eNasrec, eRhawutini ngokuhlwa kwangoLwesibini.
Igqala lefolosi yeBabina Noko uBradley Grobler ufake amanqaku amabini, laze elinye lafakwa nguThabang Monare, logama uFlavio da Silva efake eleChiefs.
IBabina Noko ithabathe nje imizuzu emihlanu ukuze ifake inqaku layo lokuqala elize noGrobler kwibhola ebisuka kuTsepo Matsimbi.
Amakhosi afake inqaku lokulinganisa elize noDa Silva kwimizuzu esibhozo elandelayo. UDa Silva ufake inqaku lakhe emva kokuba unozinti weBabina Noko uToaster Nsabata enze impazamo yokusa ibhola nguwo kuye.
UGrobler uye wafaka inqaku lakhe lesibini kwimizuzu emihlanu siqalile isiqingatha sesibini kwibhola ayiphiwe nguNgoanamello Rammala. UMonare ufake inqaku lesithathu leBabina Noko ngomzuzu wamashumi amahlanu anesithandathu.
Kusenjalo, iChippa United iphumelele okokuqala kulesizini njengokuba ibethe i-Orbit College ngamanqaku amabini kwelinye eBuffalo City Stadium, eMonti.
Amanqaku eeChilli Boys afakwe nguXolani Sithole noJustice Figareido, logama uSiyabulela Mabele efake ele-Orbit.
EThekwini, iDurban City itywatyushe iSiwelele FC ngamanqaku amabini eqandeni, manqaku lawo afakwe nguLetsie Koapeng noBokang Mokwena eChatsworth Stadium.