Akekho umntu owoneliseke yimpumelelo kaPhaphama Rhonorhono ukogqitha umqeqeshi wakhe uMadoda ‘One More Time’ Dyonase njengokuba impumelelo yeligatyana lomfana iphelise imbalela ende kwiziko labo lokuziqeqesha eMthatha, eMpuma Koloni.
Enemilo emine qha ngaphambi komlo wangoLwesihlanu, uRhonorhono ushiye abalandeli bamanqindi baseNtshona Koloni bebambe ongezantsi emva kokunqumamisa intandane uWassim Chellan kumjikelo wesibini, waze ngaloondlela waphumelela intshinga yoMzantsi Afrika nebingenamntu kudidi lwewelterweight eWynberg Military, eKapa.
Kwaye ke impumelelo kaRhonorhono iphelise iminyaka elishumi iziko lokuziqeqesha likaDyonase lingenayo intshinga yoMzantsi Afrika njengokuba lagqibela ngoSimphiwe Konkco ukuba nentshatsheli yesizwe ngethuba wayephethe intshinga yodidi lweminimumweight ngo-2015.
“Ndibuyile ngoku. Ndagqibela ukuba nentshatsheli yoMzantsi Afrika ngoKonkco ngo-2015. Khumbula ukuba ndaphumelela intshinga yoMzantsi Afrika, eyeWBA Pan-African kunye neye-IBO Intercontinental noKonkco. Ndisakhumbula ndisekoneni kaKonkco ngethuba wayebethwa nguHekkie Budler kumlo wentshinga ye-IBO kudidi lwestrawweight e-Emperors Palace,” utshilo uDyonase.
UDyonase wongeze wathi: “Ukuphumelela intshinga yoMzantsi Afrika yinto enkulu kakhulu apha kulengingqi ye-OR Tambo. Sisebenze nzima ukuphumelela yomihlanu imilo ngokunqumamisa amadoda. Iyonke isixhenxe imijikelo esiyilweyo kudidi lwabahlawulwayo.”
Ngokokutsho kukaDyonase, bekukudala elindele ukuba uRhonorhono aphumelele intshinga yoMzantsi Afrika nanjengokuba wayeyimbethi-manqindi ephume izandla kudidi lwabangahlawulwayo.
“URhonorhono wababetha bonke eMpuma Koloni ngexesha wayeseyimbethi-manqindi kudidi lwabangahlawulwayo. Kusekuninzi abantu abazakukubona kuRhonorhono,” uqukumbele watsho uDyonase. – Monwabisi Jimlongo