Ilinge likaLindelani Sibisi lokungena kuluhlu lweembethi-manqindi eziphambili ehlabathini lizakuthabatha olunye unyawo xa esilwa noDave ‘The Hunter’ Peñalosa wasePhilippines kulenyanga ezayo.
USibisi, oyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi losiba, uzakulwa noPeñalosa kwiholo yedolophu yase-Estcourt, KwaZulu-Natal, ngoMgqibelo umhla weshumi elinanye ku-Okthobha. Ezimbethi-manqindi zimbini zizakulwela ukuzibekela indawo kumlo wentshinga yehlabathi kwi-IBF.
Eqinisekisa ngalomlo, umlawuli kaSibisi, uColin ‘Nomakanjani’ Nathan weNO DOUBT Management, uthethe wathi: “Ewe, umlo uzakuba khona. Sisalungisa imicimbi yeevisa ngoku.”
Izakuba kokokuqala uSibisi esilwa ukususela mhla waphumelela intshinga yoMzantsi Afrika kudidi losiba emva kokunqumamisa uZolisa Batyi kumjikelo weshumi e-Orient Theatre, eMonti, ngoMeyi.
UPeñalosa, kwelinye icala, sele elwe kathathu kulonyaka, ebetha ummi waseTshayina uWeiyi Jiang kumlo wentshinga yeWorld Boxing Foundation Silver kudidi lwelightweight kulenyanga ephelileyo.
UPeñalosa, oneminyaka, engamashumi amathathu anesine, wabethwa nguLerato Dlamini kumlo wentshinga yeWorld Boxing Council (WBC) Silver kudidi losiba eKing Abdullah Sports City, eJeddah, kwelasrSaudi Arabia, ngoJulayi 2019. – Monwabisi Jimlongo