Ibhodi kaBoxing South Africa (BSA) ithabathe isigqibo esingatolikwa ngabalandeli bamanqindi njengesothusayo njengokuba lombutho olawula amanqindi kweli uzakuhlawula imbethi-manqindi ingakhange ilwe nomjikelo omnye.
Emva kokufeda ukumilisela imigaqo kaBSA, ibhodi ithabathe into engatolikwa njengondlela lula wokuphuma engxakini, igqiba ekubeni ihlawule imbethi-manqindi yaseMonti nelwa kudidi lwejunior-flyweight u-Athenkosi Thongwana.
Oku kuqandusele emva kokuba ibhodi kaBSA isichithile isigqibo sekomiti evuma nekhaba imilo kulandela isibheno ebesifakwe ngusomaqhuzu weXaba Promotions u-Ayanda Matiti egameni likaSiseko Teyisi.
Lekomiti ibivume umlo wangeCawa phakathi koTeyisi nommi wasePhilippines u-Elmar Zamora ngaphantsi komqathango othi lembethi-manqindi yaseMdantsane mayiyithi xibilili intshinga yayo yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-flyweight.
Emva kwentlanganiso yayo yangoMgqibelo, ibhodi kaBSA ithe sife amanqe isigqibo sekomiti evuma nekhaba imilo kuba asikhange siyisele so into yokokuba akwenziwanga bulungisa kuThongwana noTeyisi ngenxa yokungakhathali nobuhenxe bomntu othile.
“Ngoko ke ibhodi igqibe ekubeni isibekele bucala esasigqibo ebesoyanyaniswe nomlo wentshinga ye-IBF Intercontinental,” utshilo usihlalo webhodi u-Ayanda Khumalo.
Ibhodi ivumile ukuba bamsingele phantsi uThongwana, owafaka isicelo sokucela umngeni ngomhla weshumi elinesixhenxe kuJulayi, kwaye uBSA wasidlulisa isicelo eso kuTeyisi emva kwenyanga eneentsuku ezimbini.
“Ayikho imbambano malunga nokokuba umcelimngeni uye ngokuqinisekileyo waphathwa kakubi ngenxa yokudlula kwexesha ngokungenabulungisa,” uphefumle watsho uKhumalo.
“Ngenxa yesosizathu, umcelimngeni makabuyekezwe ngentlawulo ngethuba elimlahlekeleyo. Imbuyekezo efanelekileyo neyiyo ngenxa yokuphatheka kakubi komcelimngeni izakuphononongwa, ukuze kuvunyelwane.”
Emva koko, ibhodi inike ingqonyela kaBSA, uTsholofelo Lejaka, uxanduva lokuthetha nabaphathi bakaThongwana ukuze bafikelele kwisivumelwano ngemali emayihlawulwe.
UKhumalo uthe: “Ingqonyela inikwe uxanduva lokusebenzisana nomcelimngeni ukuze bazokufikelela kwisixa-mali esifanele ukuhlawulwa ngenxa yobuhenxe nokungakhathali kukaBoxing South Africa.”
I-Ink Sport izamile ukunxibelelana nomlawuli kaThongwana, uLonwabo Witbooi, oye wala ukuphefumla. – Monwabisi Jimlongo