Ekuqaleni wayezakulwa noDave ‘The Hunter’ Peñalosa wasePhilippines, kodwa ngoku zijikile izinto njengokuba uLindelani Sibisi ezakulwa nomntu wumbi kulenyanga ezayo. 

USibisi waseDundee, KwaZulu-Natal, uzakuvana amandla noKeisham Luckysun Singh wase-India kumlo wentshinga engenamntu kwi-IBF International kudidi losiba kwiholo yedolophu yase-Estcourt ngoMgqibelo umhla weshumi elinanye ku-Okthobha. 

“Asikwazanga ukumfumanela ivisa uPeñalosa. Kubonakala ngathi kukho ingxaki kwiSebe leZekhaya kwelalizwe. Andiyazi ukuba kutheni na ngoku abantu basePhilippines besuke babayingxaki nje,” utshilo uColin ‘Nomakanjani’ Nathan weNO DOUBT Management, ongumlawuli kaSibisi. 

Izakuba kokokuqala ngqa uSibisi esilwa ukususela mhla waphumelela intshinga yoMzantsi Afrika kudidi losiba emva kokunqumamisa owayeyintshatsheli uZolisa Batyi kumjikelo weshumi e-Orient Theatre, eMonti, ngoMeyi. 

Ukanti, uSingh, oyinzalelwane yase-Imphal e-India noneminyaka engamashumi amabini anesine, akakabethwa kwimilo elishumi elinesithathu. Uyiphumelele yonke, kwaye unqumamise amadoda asibhozo. 

Kungoku nje, uSingh ulwe kabini kulonyaka, ebetha abakhaya bakhe uYuvraj Chaudhary noK Bhavani Prasad ngoJulayi nangoMatshi ngokulandelelana kwabo. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php