UThembelani ‘Shakes’ Hlombe ukholelwa ukuba imbethi-manqindi yakhe uThinumzi Gqola akasayikuze abenengxaki, kwaye angambetha kwakhona uMthokozisi Ngxaka.
UHlombe ukuthethe oku emva kokuba iBoxing South Africa (BSA) iwuphononongwe ngokutsha umlo kaNgxaka noGqola. Oluphononongo luthe nguNgxaka owawuphumelelayo owawuseRhawutini ngo-Agasti.
UNgxaka waphulukana nentshinga yakhe yoMzantsi Afrika kudidi lwemini-flyweight emva kokuba abagwebi ababini – uJaap van Niewenhuizen noMmoledi Malokane bathi yinzalelwane yaseDuncan Village ephumeleleyo, logama uThabo Spampool wathi akunjalo.
Engonelisekanga ziziphumo zomlo, umlawuli kaNgxaka uMlandeli Tengimfene wacela ukuba uphononongwe lomlo. UBSA ubhengezile ngoLwesibini ukuba kufunyaniswe inguNgxaka owaphumelelayo emva kophononongo lomlo.
“Besinethemba lokokuba oluphononongo luzakuqinisekisa ukuba ngenene sawuphumelela umlo. Khona ke kunjalo, silwamkele uphononongo lomlo,” utshilo uHlombe.
UHlombe uphefumle wathi njengokuba uBSA ethe uNgxaka waseMthatha noGqola: “Aainangxaki nokulwa noNgxaka kwakhona. Asomoyiki kuba uyayazi sizakumbetha kwakhona.” – Monwabisi Jimlongo