Usenenkxaso yegqiza asebenza nalo kunye nomthelekisi wakhe uSiyakholwa Kuse emva kokufeda ukuphumelela intshinga yeWorld Boxing Council (WBC) kudidi lwestrawweight njengokuba ebethwe ngummi wasePhilippines uMelvin Jerusalem eManila kwelasePhilippines ngokuhlwa kwangoLwesithathu, ngokwexesha loMzantsi Afrika.
Ngokokutsho komqeqeshi kaKuse uManny Fernandes, usomaqhuzu weGolden Gloves uRodney Berman, obekhona ngethuba lenzalelwane yaseMdantsane ibilinga ukuba yimbethi-manqindi yokuqala eMpuma Koloni ukukhonya kwiWBC, uzakunika lomfana elinye ithuba kulonyaka ozayo.
“Njengokuba usazi ukuba ndineenyanga ezine nje kuphela ndisebenza naye. Kuninzi okuphucukileyo esiseza kukubona. Ndicinga ukuba senze ngokwaneleyo ukuwuphumelela umlo. Ngesiphumelele ukuba besilwela eMzantsi Afrika,” utshilo uFernandes.
UFernandes wongeze wathi: “Kuninzi esikufunde kulomlo. URodney uthembise ukuba sizakuba nomlo omkhulu ngoMatshi. Lomfana uzakunqandwa ziinkwenkwezi emva kokulwa kakuhle kangaka.”
Kulandela ukubethwa kwakhe, uKuse, owayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika ne-African Boxing Union (ABU) kudidi lweminimumweight, ngoku sele ephumelele imilo elithoba, enqumamise amadoda amane, wabethwa kwimilo emithathu, waze walwa ngokulingana komnye.
Kwelinye icala, uJerusalem, owayeyinjinga yeWorld Boxing Organisation (WBO) kudidi lweminimumweight, uliphuculile irekhodi lakhe njengokuba sele ephumelele imilo engamashumi amabini anesihlanu, enqumamise amadoda alishumi elinambini, waze wabethwa kwimilo emithathu. – Monwabisi Jimlongo