Awukazokubakho umlo ophakathi kuka-Aphiwe Boyiya noSibusiso Zingange njengokuba kusafuneka bakhe balinde ithutyana ngaphambi kokuqubisana.

Oku kulandela emva kokumiswa komlo wabo wentshinga yoMzantsi Afrika engenamntu kudidi lwejunior-welterweight, mlo lowo obuzakubaseGqeberha ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anethoba.

UMbali Zantsi, ongusomaqhuzu kwiZantsi Showtime Productions nobezakwenza lomlo, uthethe wathi: “Itumente imisiwe. Ndiqonde ukuba mandiyimise kuba bendingafuni ukutyhala ngesifuba.” 

Lomlo ophakathi kwezimbethi-manqindi zimbini sele umiswe izihlandlo eziliqela ukususela ngoJulayi. Kwaye ke ngoku, kuzakufuneka balinde kude kubesebutsheni bonyaka ozayo. 

Kusenjalo, intshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-welterweight yashiyeka ingenamntu emva kokuthiwa tya nguNtethelelo Nkosi, owakhetha uyokulwa kwiWBC Grand Prix, eRiyadh, kwelaseSaudi Arabia. 

UNkosi, oyinzalelwane yaseMtubatuba, ubethwe ngummi waseColombia uCarlos Alfonso Utria Lopez ngumlo owandulela umlenze wokugqibela kuletumente. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php