Ugalelekile eMonti owayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika uLwando Mgabi kanye kwisithuba esingaphantsi kwenyanga ngaphambi komlo wakhe noMoyisi Booi kwintshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight.
UMgabi, owaphulukana nentshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight ebutsheni bukaJuni emva kokoyiswa bubunzima, usafuna ukuphinda ayiphumelele lentshinga njengokuba ecela umngeni kuBooi e-Orient Theatre, eMonti, ngoLwesihlanu umhla weshumi elinethoba kuDisemba. Lomfana, ozinze eKapa, ugaleleke eKing Phalo Airport, eMonti, ngoLwesine.
“ULwando ugalelekile eMonti ezokuzibandakanya kuqeqesho kunye nabalingane bakhe njengokuba elungiselela umlo wakhe ozayo,” utshilo uMlandeli Tengimfene, ongumlawuli kaMgabi.
UMgabi, oyinzalelwane yaseDuncan Village eMonti, waphulukana nentshinga yakhe yoMzantsi Afrika emva kokoyisakala ukwenza ubunzima obufunekayo ngaphambi kokunqumamisa uSechaba Zuma kumjikelo wesihlanu kwiholo yedolophu yase-Estcourt.
Kusenjalo, uBooi wabayintshatsheli yoMzantsi Afrika emva kokunqumamisa Ntethelelo Magcaba kumjikelo wesibhozo e-Orient Theatre kwiinyanga ezimbini ezigqithileyo. – Monwabisi Jimlongo