Iqela laKwaZulu-Natal iDurban City ibhengezile emva kwemini ngoMvulo ukuba lufikelele esiphelelweni uhambo lwayo kunye nomqeqeshi uGavin Hunt. 

Lomqeqeshi owayesakuqeqesha iSuperSport United, iChippa United neKaizer Chiefs ugxothwe emva kokubethwa kweCity ngamanqaku amabini eqandeni yi-Orlando Pirates ngoMgqibelo.

Kusenjalo, uPitso Dladla unikwe uxanduva lokuba ngumqeqeshi wethutyana, kwaye uzakuxhozula imikhala yokuqeqesha xa bedlala ne-Orbit College kumdlalo weBetway Premiership ngoLwesithathu. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php