I-Orlando Pirates iqinisekisile emva kwemini ngoLwesibini ukuba inkwenkwezi yomdlali wasemva uMbekezeli Mbokazi uzakuzibandakanya neChicago Fire, eliqela laseMelika nelidlala kwiMajor League Soccer (MLS).
Lomdlali weBafana Bafana, oneminyaka engamashumi amabini nodlala ngasemva, utyikitye isivumelwano sengqesho esizakuphelelwa ngo-2029. Kodwa ke eliqela linemvume yokusivuselela isivumelwano sengqesho xa siphelileyo.
Njengokuba engomnye wabadlali abathenjiweyo kwiBafana, uMbokazi waseHluhluwe in KwaZulu-Natal uzakuzibandakanya neChicago Fire ekupheleni kwalesizini. Oku kulandela isivumelwano phakathi kwePirates neChicago Fire.