Nokokuba yintoni na azakuzonwabisa ngayo uSiyakholwa Kuse ngezintsuku zeziyunguma, kuzakufuneka acophelele kuyo yonke into ayifaka emlonyeni njengokuba enomlo obaluleke kakhulu ebutsheni bonyaka ozayo.

IWorld Boxing Council (WBC) iwuphumezile umlo wakhe noJoey Canoy wasePhilippines, mlo lowo ongowokuzibekela indawo kumlo wentshinga yehlabathi. 

Ngaphambili, uKuse noCanoy kwakufanele baqubisane kumlo wokuzibekela indawo emlweni wentshinga yehlabathi kudidi lweminimumweight. Kodwa, izinto zenzeka ngokukhawuleza njengokuba uKuse waphela ecela umngeni kwintshatsheli yeWBC kudidi lweminimumweight uMelvin Jerusalem wasePhilippines ngo-Okthobha.

UJerusalem wayikhusela ngempumelelo intshinga yakhe ngethuba ebetha uKuse ngamanqaku eManila kwelasePhilippines. Yayisisihlandlo sesithathu uJerusalem eyikhusela ngempumelelo intshinga yakhe ukususela mhla wayihlutha kumlo waseJapan uYudai Shigeoka ngoMatshi nyakenye.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php