Emva kokumiswa komlo wakhe izihlandlo eziliqela, uSibusiso Zingange udikwe yeyokosa, kwaye ngoku ufikelele kwisigqibo sokokuba akasafuni ukulwela intshinga yoMzantsi Afrika engenamntu kudidi lwejunior-welterweight.
UZingange, owayeyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-lightweight, kwakufanele ukuba ulwe no-Aphiwe Boyiya, kodwa umlo wamane umiswa ukususela ngoJulayi.
“Ndiyarhoxa kumlo wentshinga yoMzantsi Afrika ofanele ukubakho kulonyaka ozayo. Nabani na ofuna ukulwa makalithabathe elithuba, kwaye sele ndithethile nabaqeqeshi bam. Lomlo undifake ngaphantsi koxinezelelo olumandla,” utshilo uZingange.
Lentshinga yoMzantsi Afrika yashiyeka ingenamntu emva kokuthiwa xibilili nguNtethelelo Nkosi ngethuba ekhetha ukuyokulwa kwiWBC Grand Prix eRiyadh kwelaseSaudi Arabia. UNkosi, oyinzalelwane yaseMtubatuba, wabethwa ngummi waseColombia uCarlos Alfonso Utria Lopez kumlo owandulela owokugqibela kuletumente.
“Ndicinga ukuba umnikazi wentshinga makayilwele, ndakucela umngeni emva koko. Ndanele, ininzi kakhulu lento. Ndiye ndaphulukana nabaxhasi bam ngenxa yalomlo,” utshilo uZingange, obekwa kwindawo yesibini eMzantsi Afrika. – Monwabisi Jimlongo