Logama esakhangela ikhaya elitsha, apho azakuthelekiswa khona, esafuna nomqeqeshi omtsha, uSiseko ‘Panda’ Teyisi wonyukele phezulu kumanqwanqwa e-International Boxing Federation (IBF) kudidi lwejunior-flyweight. 

UTeyisi uye kwixesha leziyunguma zeKrismesi ekwindawo yeshumi kuluhlu lwe-IBF, ngoku ubekwa kwindawo yesixhenxe, ezantsi nje komkhaya wakhe waseMonti uSivenathi ‘Special One’ Nontshinga, owaphumelela intshinga yehlabathi izihlandlo ezimbini. 

Lenzalelwane yaseMdantsane, esandula ukuqhawula umtshato neXaba Promotions emva kokungavisisani ngesivumelwano sokuthelekiswa, ikwayinjinga ye-IBF Intercontinental kudidi lwejunior-flyweight. UTeyisi waphumelela lentshinga emva kokubetha ummi wasePhilippines u-Elmar Zamora ngamanqaku ngoSeptemba kulonyaka ophelileyo. 

Kumlo wakhe wokugqibela, uTeyisi wanqumamisa u-Athenkosi Thongwana kumjikelo weshumi elinambini ngethuba ekhusela intshinga yakhe yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-flyweight e-Orient Theatre, eMonti, ngoDisemba. 

UTeyisi, omanqindi akhe aphuhliswa nguZolile ‘Gqo’ Mahambi eMdantsane, akakabethwa njengokuba enqumamise amadoda asixhenxe kumaxhoba akhe alithoba. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php