Emva kokushiya iXaba Boxing Academy, apho ebeqeqeshwa khona, injinga yoMzantsi Afrika ne-International Boxing Federation (IBF) Intercontinental kudidi lwejunior-flyweight, uSiseko ‘Panda’ Teyisi, ufumene umqeqeshi omtsha kuKhangelani Jack. 

Ezindaba zalomfana ongekabethwa nozimanye noJack, owaphumelela iwonga le-2023 Trainer of the Year nowakhe wangomnye wabaqeqeshi eXaba Boxing Academy, zidizwe nguBongani Bozo, ongumlawuli kaTeyisi.

Ekuqaleni, uTeyisi wazifumana engenamqeqeshi emva kokumka kwiXaba Promotions ngenxa yokungavisisani kwisivumelwano semilo. Ngaphambili, uTeyisi ebeqeqeshwa nguMnyamezeli ‘Fire’ Shosha.

“Sinomqeqeshi omtsha ngoku. UJack uvumile ukuqeqesha uTeyisi. Umgangatho kaSiseko uphezulu, kwaye uJack ukuqonda ngokupheleleyo oko nokokuba kufuneka siwufunqule umgangatho ngasekuqeqesheni,” utshilo uBozo. 

UBozo wongeze wathi: “UJack nguye umqeqeshi oyintloko nangona nje bekhona abanye abantu abazakuncedisana naye ekuqeqesheni uSiseko. Kwaye zikhona nezinye izinto esizakuzenza ukuqinisekisa ukuba uSiseko uzakube ekulungele ukulwa kumlo wakhe olandelayo.” 

UTeyisi, olinxele elazalelwa eMdantsane, uyiphumelele yolithoba imilo yakhe, enqumamise amadoda asixhenxe. Ixhoba lakhe lokugqibela ibengu-Athenkosi Thongwana, awamnqumamisa kumjikelo weshumi elinambini e-Orient Theatre, eMonti, kwisithuba esingaphantsi kwenyanga. – Monwabisi Jimlongo 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php