IDurban City ibhengezile ngoLwesine ukuba ityikitye umdlali weqela lesizwe laseZimbabwe, u-Emmanuel Jalai, kanye nje emva kokutyikitya uRonaldo Maarman noSiphiwe Mahlangu bevela kwiSekhukhune United ngoLwesithathu.  

UJalai, oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe, uzibandakanye neliqela laKwaZulu-Natal evela kwiDynamos yaseZimbabwe, apho ebengukapteni khona. Lomfana wachitha iminyaka emithandathu edlalela iDynamos, kwaye wadlala imidlalo engaphaya kwekhulu elinamashumi asibhozo. 

UJalai wayeyinxalenye yeeWarriors zaseZimbabwe kwitumente ye-Africa Cup of Nations kwelaseMorocco. Wayiqala yomithathu imidlalo iiWarriors eyayidlala neYiphutha, i-Angola neBafana Bafana. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php