ISouth African Football Association (SAFA) iqinisekisile ngokuhlwa kwangoLwesithathu apho izakudlalelwa khona imidlalo yobuhlobo emibini phakathi kweBafana Bafana nePanama ekuthambekeni kwenyanga ezayo.
Umdlalo wokuqala uzakubanjelwa eMoses Mabhida Stadium, eThekwini, ngoLwesihlanu umhla wamashumi amabini anesixhenxe kuMatshi. Ukanti, umdlalo wesibini uzakudlalelwa eCape Town Stadium kwiintsuku ezine ezilandelayo.
Lemidlalo emibini kunye nabafana abaphuma kumbindi Melika yinxalenye yamalungiselelo omqeqeshi weBafana uHugo Broos njengokuba belungiselela iNdebe yeHlabathi ezakusingathwa ngokubambisana phakathi kweMelika, iCanada neMexico nezakuqala ngoLwesine umhla weshumi elinanye kuJuni ukuyokuthi ga ngeCawa umhla weshumi elinethoba kuJulayi.
Izakuba kokokuqala iBafana idlala eThekwini ukususela mhla yabambana ngeqanda macala omabini neZimbabwe kumdlalo wemfezeko yeNdebe yeHlabathi ka-2026 ngo-Okthobha nyakenye.