Indawo apho iBafana Bafana izakuzinza khona ngexesha leNdebe yeHlabathi ezakusingathwa ngobambiswano yiMelika, iCanada neMexico, iye yaqinisekiswa yiSouth African Football Association (SAFA) emva kwemini ngoLwesine.
Umqeqeshi uHugo Broos namakhwenkwe akhe bakhethe ukuzinza ePachuca kwelaseMexico. Kwaye iBafana izakuzilolonga e-Universidad del Futbol ngethuba izinze ePachuca.
IBafana izakuhlala kwihotele egama liyiCamino Real Pachuca. Lehotele irhangqwe zizitiya ezintle kunene kunye namahlathi abonakalisa uxolo kwiikhilomitha ezintlanu ukuphuma ePachuca.