IBanyana Banyana izakudlala neeBrave Gladiators zaseNamibia kumdlalo wamagqibela kankqoyi we-2026 COSAFA Women’s Championship ePeter Mokaba Stadium, ePolokwane, emva kwemini ngeCawa.
IBanyana ifikelele kumdlalo wamagqibela kankqoyi emva kokubetha iZimbabwe ngamanqaku amane kwamabini kwiibhola ebezisuka echaphazeni njengokuba lamaqela mabini edlale ngokulingana ngenqaku elinye macala omabini ekupheleni kwemizuzu engamashumi alithoba. IZimbabwe iphale phambili ngenqaku lika-Ethel Chinyerere, waze uNthabiseng Majiya weBanyana wafaka inqaku lokulinganisa.
Kusenjalo, iiBrave Gladiators zaseNamibia zifikelele kumdlalo wamagqibela kankqoyi emva kokubetha iZambia ngenqaku elifakwe nguJuliana Blou.