ISouth African Football Association (SAFA) ibhengezile emva kwemini ngoMvulo ukuba ifumene abaxhasi abatsha, uStandard Bank.
Esisivumelwano seminyaka emine kunye noStandard Bank nesithiwe cihoho eRosebank, eRhawutini, sibandakanya onke amaqela esizwe kwibhola ekhatywayo.
“Oluqhogwano lubonakalisa utyalo-mali oluthile olufunwa yibhola ekhatywayo yaseMzantsi Afrika. Inkxaso kaStandard Bank izakuqinisa ukhuphiswano kumaqela esizwe sethu kunye nophuhliso njengokuba emela ilizwe lethu kwimidlalo yamazwe ngamazwe ehlabathini jikelele,” utshilo uDanny Jordaan, ongumongameli weSAFA.
UStandard Bank akamtshanga ekuxhaseni kwibhola ekhatywayo kweli njengokuba sele eneminyaka engaphaya kwamashumi amabini exhasa amaqela aseSoweto iKaizer Chiefs ne-Orlando Pirates.