ILamontville Golden Arrows ibambene ngenqaku elinye macala omabini neStellenbosch FC kumdlalo weBetway Premiership eKing Zwelithini Stadium, eMlazi, eThekwini, ngokuhlwa kwangoLwesithathu.
Kuthabathe ixesha elide ngaphambi kokuba kubekho inqaku kulomdlalo njengokuba uNhlanhla Gasa efake ele-Arrows kwimizuzu engamashumi asixhenxe anesixhenxe. Kodwa lubelufutshane kakhulu uvuyo lwAbafana Bes’thende njengokuba uGenino Palace efake inqaku lokulinganisa kwimizuzu emibini elandelayo.